Cwerha

Izithakazelo zamaCwerha

AbakwaCwerha

KwaVambane

KwaSiyoyo

KwaNdidiwe

KwaMahlahlana

Ihlahla elagawulwa layekwa phantsi komhlanjana

Kuba lithwel’inyoka

Rhawula kuyaphalala!

Wenze ityala ngokurhuq’ihlahla elimgelolakho

AbakwaPotwana

KwaMlawu

KwaGalel’uyeya

KwaMfaz’obele nye phezu komlambo

AbakwaMal’ebomvu etshintshwa phesheya kweGqili

Into’ezinqulwa nazimfene xa ziya kulala

Zithi Gxarha! Gxarha!

Tags:
Umbhali: Bongukholo Khumalo