Iziduko zamaCwerha

Iziduko zamaCwerha

AbakwaCwerha

KwaVambane

KwaNdidiwe

KwaMahlahlana

Ihlahla elagawulwa layekwa phantsi koMlanjana

Xa liz’endlwini kubaleka wonk’umuntu

Kuba lithwel’inyoka

Rhawula kuyaphalala!

Wenze ityala ngokurhuq’ihlahla elingelolakho

AbakwaPotwana

KwaMlawu

KwaGalel’uyeya

KwaMfaz’obele nye phezu koMlambo

AbakwaMal’ebomvu etshintshwa phesheya kweGqili

Into’ezinqulwa naziMfene xa ziya kulala

Zithi Gxarha!Gxarha!

Awuqedwa Cwerha.

Khumu! 

UCwerha kuthiwa wayesoloko enehlahla alirhuqayo ukuze kuba ngabe webe iGusha yomntu agquke ngalo omkhondo.

Tags:
Umbhali: Bongukholo Khumalo